Dlulela kumxholo
Buka iindwendwe kwinto onokuyonwabela kwi-Airbnb
Fumana imali ngokusa abantu kwizinto ozithandayo.
Yintoni into enokonwatyelwa?
Ngumsebenzi ongaphaya kokhenketho olufanayo okanye iklasi, owenziwe nokhokelwa ngabahlali emhlabeni wonke. Qhayisa ngesixeko sakho, ngobuchule, umthombo, okanye isiko ngokwamkela iindwendwe.
Zenzele into, ngendlela yakho
Ukhenketho lokudla kuhanjwa ngebhayisekile, iifoto ezilayitayo ebusuku, i-tapas kwisikhephe, okanye i-yoga (neebhokhwe). Yenza uze uqokelele izinto abantu abafuna ukuzizama.
Yenza into oyithandayo (uze ubhatalwe)
Khangela ubugcisa basesitratweni okanye usefe ngemini ekubalele ngayo, into oyithandayo yenze ikungenisele imali. Fumana imali ungazivanga ukuba usebenzile.
Fumana amazwi ngomthombo wakho
Hamba ubuk' imvelo nezinja ezihlangulweyo, okanye ufundise ifashoni. Yenza laziwe iphulo lakho ngendlela entsha.

Veza okwaziyo

Lonke uhlobo lwezinto onokuzonwabela, njengokupheka, ezobugcisa, ukuhamba ngephenyane, nokunye. Azipheli izinto onokuzenza. Jonga la macandelo.

Isiko Nembali
Balisa ngeendawo ezibalaseleyo zesixeko sakho.
Ukutya Neziselo
Yamkel' iindwendwe zokhenketho lokudla, zeklasi yokupheka, ezizele ukutya, nezinye.
Imvelo Nezinto Eziphandle
Nkqenkqeza phambili kuhambo lokubuka imvelo, kwimidlalo yasemanzini, kwimidlalo yasentabeni, nakokunye okuninzi.

Joyina intsapho ekhulayo yabantu abathanda ukwazi

Ababuki zindwendwe ngabapheki, abaculi, oo-DJ, nezinye iincuntshe. Bamanyanisa abantu bomhlaba wonke, baze babenze bafikelele kwiindawo ezikhethekileyo nakwizinto ezingenakufumeneka kwenye indawo.

DJ Jigüe
U-DJ Jigüe uzimisele ukwabelana ngomculo we-Afro-Cuban. Ezinye zeendwendwe azise kwizakhiwo zomculo zase-Cuba zaya kumbona edlala kwishowu e-Austin, e-Texas.
Cici
Umhlali wase-Shanghai nommbuki zindwendwe kwindawo yokuphekela u-Cici ukholelwa ukuba ukupheka kunokuzisa uvuyo. Wamkela iindwendwe kwikhitshi lakhe ukuze afunde indlela yokwenza iidombolo zase-China ngendlela eyonwabisayo.

Siyakuxhasa, kuyo yonk' into

Izixhobo ezifana namanqaku nolwazi olunzulu ezifakwe kwizinto oza kuzidinga xa usamkela iindwendwe, ezenzelwe ukwamkela iindwendwe, uncedo lwekhastoma lwakho nolweendwendwe olufumaneka imini nobusuku yonke imihla, ukufikeleleka kwezinto ezinokonwatyelwa, nokunye okuninzi.

Imisebenzi
Ukubeka imihla
Iintlawulo
Ulwazi olungakumbi
Izixhobo ezenzelwe wena
Ideshbhodi yokukunika ulwazi olunzulu, ingxelo yendlela yokuphucula, ukubonakala kwiindwendwe ezisemhlabeni wonke ngokukhangelwa nangezihluzi, iintlawulo ezingenamagingxigingxi, nokunye okuninzi.
Ukufikelela kwi-$1 million ye-inshorensi yemisebenzi emininzi
Hlala upholile aph' entloko
Kwizinto ezininzi ezinokonwatyelwa, uza kufumana i-inshorensi efikelela kwi$1 miliyoni. Ukongezelela, uza kufumana uncedo emini nasebusuku ukuze ujolise ekwenzeni izinto ozithandayo. Funda okungakumbi
Iindaba
Ezihlaziyayo
Iziganeko
Ukhokelo lokukunceda ukhule
Iphephandaba leveki neveki, amanqaku, nezixhobo zenzelwe ukukunceda uphumelele kwinyathelo ngalinye lohambo lwakho lokubuk' iindwendwe.

Indlela yokuqalisa

Nanga amagqabantshintshi akhawulezileyo enkqubo, ukusukela ekuqaleni ukuya kutsho ekugqibeleni.

1
Funda ngemigangatho yethu
Qiniseka ukuba into yakho enokonwatyelwa iyawufikelela umgangatho wethu, iyafikeleleka, ibe kulula ukunxibelelana.
2
Yenza ikhasi lezinto ezinokonwatyelwa
Ikhasi lakho yindlela abantu abakufumana ngayo. Yenz' ibukeke isaqala ukujongwa ngokubalaselisa izinto oyincutshe kuzo nangokufaka iifoto ezisemgangathweni.
3
Qalisa ukwamkela iindwendwe
Logama into yakho enokonwatyelwa iwufikelela umgangatho, sowungayifaka imihla uze uqalise ukwamkela iindwendwe.
Imibuzo ebuzwa rhoqo
Imibuzo ebuzwa rhoqo
Ngaba kufuneka ndibe nekhaya ukubuka iindwendwe kwinto enokonwatyelwa?
Hayi. Akuyomfuneko ukuba uzilalise ekhayeni lakho okanye kwindawo yakho iindwendwe ukuze ube nento ezinokuyonwabela.
Uzibophelele ixesha elingakanani?
Ungabuka iindwendwe kangangoko ufuna—zive ukhululekile ukutshintsha iintsuku namaxesha akho ude ufumane oko kukusebenzela kakuhle.
Ngaba kufuneka ndibe nelayisensi yoshishino?
Kuxhomekeka kwimisebenzi ebandakanyekayo, into enokonwatyelwa ethile kusenokufuneka ibe nelayisenisi yoshishino. Qinisekisa ukuba ukhangele imithetho yengingqi kwindawo yakho ukufumana ukuba yeyiphi ilayisenisi enokufunwa ngento yakho enokonwatyelwa, ngakumbi ukuba kukho ukutya, utywala okanye iimoto zothutho. Funda okungakumbi