I-Airbnb yeyomntu wonke

Nantsi indlela esiziphucula ngayo izinto ezinokusetyenziswa zakwa-Airbnb

Nantsi indlela esiziphucula ngayo izinto ezinokusetyenziswa zakwa-Airbnb

Into esisebenzela kuyo

Sifuna ukwenza ukuhamba kulungele yaye kufikeleleke kuye wonke umntu. Lo msebenzi awuzange wenziwe, kodwa nantsi indlela esiwuthatha ngayo ukuza kuthi ga ngoku.

Sifuna ukwenza ukuhamba kulungele yaye kufikeleleke kuye wonke umntu. Lo msebenzi awuzange wenziwe, kodwa nantsi indlela esiwuthatha ngayo ukuza kuthi ga ngoku.

Ukuphuculwa komlinganiselo wokuchana

Iindwendwe ezikhubazekileyo zixhomekeke kwiifoto ukuze ziqiniseke ukuba indlu iza kuzilungela na. Yiyo loo nto sifuna ukuba ababuki zindwendwe bafake iifoto zayo yonke into ebonisa ukuba kulula ukuhlala endlwini yabo, ibe kungako nje izindlu zinecandelo elikhethekileyo lezo foto.

Imigaqo yedijithali yokufikeleleka

Sisebenzela ekubeni nezinto zedijithali eziza kwenza ubomi bube lula kwabakhubazekileyo, ezichazwe apha [Iwebhsayithi Yemigaqo Yezinto Ezifikelelekayo] (https://www.w3.org/WAI/standards-guidlines/wcag/). Sikwathenga nezixhobo zokuhlola ngokuzenzekelayo eziza kusinceda sibone nantoni na eyingxaki.

Izindlu ezingakumbi ezinezinto ezenza kube lula ukuhlala kuzo

Sisebenza nzima kwa-Airbnb ukuze sifumane izindlu ezinezinto ezenza kube lula ukuhlala kuzo, kwaye senza kube lula ukuzifumana ngokuphucula iindlela zophando, kuquka izihluzi ekulula ukuzisebenzisa kunye neefoto ezingcono kwiphepha lokukhangela.

Izinto onokuzonwabela ekulula ukuya kuzo

Kusekho izinto ezingakumbi ezizayo [izinto onokuzonwabela kwi-Airbnb] (https://www.airbnb.com/help/article/1581/what-are-experiences)—ezinjengokonwatyiswa ngendlela ekhethekileyo ziingcali zasekuhlaleni.

Amacebiso eendwendwe

Siyazi ukuba ukufumana indawo yokuhlala okanye into onokuyonwabela ehambelana neemfuno zakho kunokuba nzima. Nanga amacebiso ambalwa okuqinisekisa ukuba yonke into ihamba ngokutyibilikayo kangangoko kunokwenzeka kuhambo lwakho.

Fumana indawo efanelekileyo

Sebenzisa izihluzi zokukhangela ukuze zibonise kuphela iindawo okanye izinto onokuzonwabela ekuza kuba lula ngawe ukuya kuzo. Xa ufumene izindlu ezimbalwa, yiya kwindawo ethi “Izinto ezenza kube lula ukuhlala” uze ujonge iifoto neenkcukacha ukuze ubone ezo zinezi zinto uzifunayo.

Thetha nabo basenokuba ngababuki zindwendwe

Ukuba unento ekuxhalabisayo, thumela umyalezo kumbuki zindwendwe ngaphambi kokuba ubhukhishe ukuze uqiniseke ukuba uza kukwazi na ukuhlala kwindawo yakhe. Ungawuthumela umyalezo wakho kwilinki ethi “Qhagamshelana nombuki zindwendwe” kwiphepha elinezindlu okanye izinto onokuzonwabela.

Nceda ezinye iindwendwe

Yintoni obungathanda ukuyazi ngaphambi kokuba ubhukishe? Yazisa iindwendwe ezikhubazekileyo ukuba yintoni ezifanele ziyilindele ngokuthi ubhale iinkcukacha ezicacileyo.

Nceda ezinye iindwendwe

Yintoni obungathanda ukuyazi ngaphambi kokuba ubhukishe? Yazisa iindwendwe ezikhubazekileyo ukuba yintoni ezifanele ziyilindele ngokuthi ubhale iinkcukacha ezicacileyo.

Amacebiso kubabuki zindwendwe

Nazi iindlela ezimbalwa onokuxhasa ngazo iindwendwe ezikhubazekileyo

Nazi iindlela ezimbalwa onokuxhasa ngazo iindwendwe ezikhubazekileyo

Yenza kube lula ukuhlala endlwini yakho

You may not realize your listing already has accessibility features—like wide doorways—or that you can add some of these features without much effort or expense. Learn how you can support guests with mobility needs.

Faka iifoto ezibonisa izinto ezenza kube lula ukuhlala kuyo

Faka iifoto zezinto ezenza kube lula ukuhlala endlwini yakho, ukuze zibonwe ziindwendwe ezingaphezu kwe-70 000 nangaphezulu ezineziphene nezikhangela ku-Airbnb iinyanga nenyanga izindlu ezifana nale yakho. Ukuze uqalise, yiya kwindawo ethi [Lawula Indawo Yakho] (/ukwamkela iindwendwe/izindlu) apho uza kuyifumana khona indlu ongathanda ukongeza kuyo izinto ezenza kube lula ukuhlala kuyo. Qiniseka ukuba ubhala izihloko kwifoto nganye kwaye ujonge [amacebiso ethu ngeefoto] (https://community.withairbnb.com/t5/Airbnb-Updates/Photography-tips-showcase-accessibility-features-and-stand-out/ba-p/870832).

Funda ngezilwanyana ezincedayo

Kukho izilwanyana ezinceda abantu abaneziphene ezahlukeneyo, kwaye i-Airbnb inemigaqo ekuvumelayo ukusetyenziswa kwazo kwiimeko ezininzi. [Funda ngendlela yokuxhasa iindwendwe ezinezilwanyana ezincedayo] (https://www.airbnb.com/help/article/1869).

Ukufikeleleka kwi-Airbnb

Amaqela azinikeleyo

I-Airbnb inamaqela azimisele ekuncedeni ukwakha iimveliso ezinokusetyenziswa ngumntu wonke. Amagcisa okwakha nawokuhombisa izindlu akula maqela asebenzela ukuphucula iinkqubo ze-Airbnb nokufundisa abantu esebenzisana nabo njengoko luya lusanda ulwazi lwethu ngokuncedwa ngabantu basekuhlaleni.

Uphando oluqhubekayo

We’re conducting research with people who have disabilities and regularly work with experts in the accessibility community to help us build Airbnb with accessibility in mind. Learn more about participating in a research study.

Imibuzo edla ngokubuzwa

Ndizisebenzisa njani izihluzi zokukhangela?

Sebenzisa izihluzi zokukhangela eziza kukunceda uyifumane ngokukhawuleza indawo yokuhlala. Ungazisebenzisa ezi zihluzi ukubonisa kuphela izindlu ezinezinto ezithile ezenza kube lula ukuyisebenzisa. [Funda ngakumbi] (https://www.airbnb.com/help/article/479/how-do-i-use-search-filters)

Ndizongeza njani izinto ezizokwenza kube lula ukusebenzisa indlu yam?

Ukongeza izinto ezinokwenza kube lula ukusebenzisa indlu yakho kunceda iindwendwe zigqibe ukuba zingakwazi na ukuhamba ngokukhuselekileyo kuyo. [Funda ngakumbi] (https://www.airbnb.com/help/article/1961/how-do-i-add-accessibility-feature-to-my-listing)

Ndingazinceda njani iindwendwe ezineziphene?

Ikhaya lakho linokusebenziseka ngakumbi kunokuba ucinga. Qala ngokuhlola uludwe lwethu onokulongeza kwizinto ezinokwenza kube lula ukusebenzisa indlu yaho. [Funda ngakumbi] (https://www.airbnb.com/help/article/1962/how-can-i-support-guices-with-disability)

How can I become a host?

If you have a home or space with accessibility features, we’d love for you to become an Airbnb host. Learn about hosting