Dlulela kumxholo
Ukuthembana Nokhuseleko

Ukhuseleko lwakho luyinto ephambili kuthi

Busuku ngabunye, abantu abazizigidi ezi-2 bahlala kwiindawo zakwa-Airbnb kwizixeko ezili-100 000 ehlabathini lonke. Kukho izindlu ezingaphezu kwezigidi ezi-6 kumazwe ali-191 onokukhetha kuzo—zingaphezu kweehotele ezintlanu eziphambili zidityanisiwe.

Yintoni eyenza konke oku kwenzeke? Ukuthemba.

Yenziwe yakhuseleka

U-Airbnb wakhiwe kucingwa ngokhuseleko—kwi-intanethi nangaphandle kwayo

Ukubala imingcipheko

Nanini kubhukishwa kwi-Airbnb kusoloko kujongwa iingozi ngaphambi kokuqinisekiswa. Sisebenzisa inkqubo yokuqikelela kunye nokufundisa oomatshini ukuze bahlole ngoko nangoko imiqondiso engaphezu kwekhulu esinceda sikwazi ukubona size siphande izinto ezikrokrisayo ngaphambi kokuba zenzeke.

Uluhlu ofuna ukulibekela iliso kunye nokujonga kwangaphambili.

Nangona kungekho nkqubo yokuhlola kwangaphambili ethe gingci, kwihlabathi lonke siye sijonge ababuki zindwendwe kunye neendwendwe kuluhlu lwabagrogrisi kunye noluhlu lwabantu ababekwe izohlwayo ngamagunya asemthethweni. Kubabuki zindwendwe nakwiindwendwe zaseMerika sihlolisisa nemvelaphi yabo.

Ukulungela

Siqhuba ii-workshop zokhuseleko kunye nababuki zindwendwe neengcali eziphambili zasekuhlaleni yaye sikhuthaza ababuki zindwendwe bazixelele iindwendwe ngale nkcazelo yasekuhlaleni ibalulekileyo. Sinika nawuphi umbuki zindwendwe ofunayo umatshini omnye wokubhaqa umsi kunye nowe-carbon monoxide awufake kwikhaya lakhe.

Ukubhatala okukhuselekileyo

Iwebhusayithi yethu ekhuselekileyo iyaqinisekisa ukuba imali yakho iyafika kumamkeli zindwendwe—yiloo nto sikucela ukuba usoloko ubhatala nge-Airbnb kwaye ungaze ufake imali okanye ubhatale umntu ngqo.

Ukukhuselwa kweakhawunti

Sithatha amanyathelo amaninzi ukuze sikhusele iakhawunti yakho ye-Airbnb, njengokufuna kungqinisiswe ngendlela ezahlukahlukeneyo xa ungena kwifowuni okanye ikhompyutha entsha nokuba sikuthumelele isaziso xa kwenziwe utshintsho.

Ukuthintela ukuqhathwa

Ngalo lonke ixesha bhatala kwaye unxibelelane nathi ngokuthe ngqo ngewebhusayithi ka-Airbnb okanye nge-app. Ukuba nje ungahlala ku-Airbnb kuyo yonke le nkqubo—ukusuka kunxibelelawano, ekubhukisheni, ekubhataleni—ukhuselwe yinkqubo yethu ekhusela ngeendlela ezininzi.

Kwazi omawukulindele

Senza kube lula kuwe ukwazi ngakumbi ngayo nayiphi na indawo, izinto onokuzonwabela, undwendwe, okanye umbuki zindwendwe ngaphambi kokuba ubhukishe
Umfanekiso ome ngendlela iskrini sefowuni esima ngayo
Ifoto yeenkcukacha zomsebenzisiIfoto yeenkcukacha zomsebenzisiIfoto yeenkcukacha zomsebenzisi

Iinkcukacha zabantu

Wonke umntu oku-Airbnb uneenkcukacha ezinceda ezinye iindwendwe okanye abamkeli zindwendwe bazane. Ukuze ubhukishe okanye ubuke iindwendwe, uza kucelwa ukuba unike u-Airbnb igama lakho elipheleleyo, umhla wokuzalwa, inombolo yefowuni, inkcazelo ngendlela yokubhatala neadresi ye-imeyile yakho.

Ukuthumela imiyalezo ngendlela ekhuselekileyo

Isixhobo sethu sokuthumela imiyalezo ngokukhuselekileyo sikuvumela ukuba wazane nombuki zindwendwe okanye undwendwe uze ubuze umbuzo malunga nendlu okanye into onokuzonwabisa ngayo kwangaphambili. Emva kokuba ubhukishile, ungayisebenzisa ukuze nithumelelane imiyalezo ngokulula nize niququzelele izinto ezifana nokubhalisa xa kufikwa kunye nendlela ezayo.

Ukuhlola

Ukuba unqwenela ukwazi ukuba abanye bacinga ntoni ngomntu onokuba lundwendwe, umbuki zindwendwe, ikhaya okanye into onokuzonwabisa ngayo, into ekufuneka uyenze kukujonga izimvo zabo. Iindwendwe kunye nababuki zindwendwe bangafaka izimvo ngomnye emva kokuba undwendwe luye lwahlala kwindawo ebhukishiweyo, ngoko uyayazi ukuba ingxelo oyibonayo yokuba bekunjani isekelwe kwinto ebiyenzeke ngokwenene.

Silapha xa usidinga
Iqela lethu elikwihlabathi lonke elithetha iilwimi eziyi-11 ezahlukeneyo, lilinde imini nobusuku ukuze likuncede ngokuphinda ubhukishe, ukubuyiselwa imali, iimbuyekezo, ne $1 miliyoni enokunikwa umbuki zindwendweYesiqinisekiso Sokubuyiselwa Okulahlekileyo, kunye neenkqubo zamakhaya kunye nezinto onokuzonwabela zidibene.

Khawukhe uqhagamshelane ukuba kukho nayiphi na into oyifunayo.