Intsapho yethu eyakhiwe ngabantu abangafaniyo yenza u-Airbnb aphumelele

Eyona njongo yethu kukwakha iqonga elingakhethi mntu kubo bonke ababuki zindwendwe neendwendwe, ibe sisoloko sizama ukuphucula.

Eyona nto iphambili kwiphulo lethu yinto yokuba abantu umthetho wabo balungile kwaye zonke iintsapho ziyindawo ongaziva uyinxalenye yazo. Ndikholelwa nyhani ukuba [ucalucalulo] yeyona ngxaki inkulu esinayo apha enkampanini. Luphazamisa eyona nto siyiyo nemilinganiselo esiyimelayo.
UBrian Chesky
UBrian Chesky
CEO, Omnye Wabasunguli Baka-Airbnb

Ucalucalulo alunandawo kwiqonga lethu
Ukususela kumatrasi ompontshwayo okwiflethi ukuya kwintsapho yezigidi esehlabathini jikelele, u-Airbnb uyaqhubeka ekhula, kunjalo ke nangembopheleleko esinayo yokuqiniseka ukuba ababuki zindwendwe neendwendwe zingasebenzisa iqonga lethu zingakhange zicalulwe okanye zikhethwe. Sisoloko sizama ukuphucula, kwaye sinombulelo ngethuba lokumamela nokufunda kwintsapho yethu.
Ngowama-2016 sacela uLaura Murphy, owayesakuba yintloko ye-American Civil Liberties Union's Washington D.C. Legislative Office, ukuba akhokele ukuhlolwa kwayo yonke into enokwenza nokwamkelwa kwabantu bonke nokungakhethi mntu kwiqonga lakwa-Airbnb. Emva kweenyanga zophando nentsebenziswano siye sakhupha ingxelo esicela onke amalungu entsapho yethu ukuba ayifunde.
Ngenxa yento ebhalwe nguLaura nangenxa yokubandakanyeka kwamaqela amaninzi alapha kwa-Airbnb, sichaze izinto eziliqela esizihlaziyileyo. Ukuzibophelela Kwabahlali bethu okutsha, iPolisi Yokungacaluli enamandla nokuphuhliswa kweqela elisisigxina elijongene nokulwa nomkhethe ngoxa likhuthaza ukwamkelwa kwabantu bonke zezinye zezinto ezimbalwa nje esizenzayo ukuze silwe nomkhethe. Izimvo zentsapho yethu esehlabathini jikelele bezibalulekile kule ngxelo nasekuphuhlisweni kwala maphulo. Lo msebenzi usisiqalo nje sokuzinikela kwethu ekulungiseni ezi ngxaki, ibe sizimisele ukuchaza iindaba ezingakumbi, intsebenziswano nezinto esinazo apha.

Ababuki zindwendwe neendwendwe zethu bahamba phambili
Sisoloko sisebenzela ukwakha iqonga elibhetele, yiloo nto ezanywa ngabo bonke ababuki zindwendwe bethu, iindwendwe kunye nentsapho esehlabathini jikelele eyenza kukwazeke ukusebenzisa u-Airbnb. Sikholelwa ekubaliseni la mabali kwaye sichazele abanye indlela asikhuthaza ngayo ukuba siyijonge ngenye indlela into ethethwa kukuba ngowalapha njengoko sisebenzela ekupheliseni ucalucalulo.

Bonke ababuki zindwendwe kufuneka babe nazo izixhobo zempumelelo
Ababuki zindwendwe bethu basebenza nzima beququzelela uhambo olumnandi nobuhlobo kunye nabantu besusela ekulawuleni iikhalenda nokunxibelelana ukuya ekwamkeleni iindwendwe kumakhaya abo. Size kuxhasa oko kusebenza ngenkuthalo siphethe izinto eziza kunceda ababuki zindwendwe bethu.

Ukuqonda ucalucalulo nokuziva ungowalapha

Enye yeendlela ucalucalulo kukuqeqesha abantu ukuba baqaphele nomkhethe abawenza bengaziboni nokuba bayawenza. Ukuze sincede amalungu ethu aqonde ucalucalulo nomkhethe oluwubangelayo, siye senza le kiti yezixhobo ezihlolisisa umkhethe nezinye izinto eziphembelela abantu xa besenza izigqibo, ngelinye ixesha bengaziva nokuziva.

Ukuthatha inyathelo kunye

Inkqubo Ka-Airbnb imela inkqubela-phambili ngokusebenzisana nentsapho yethu esehlabathini jikelele. Kulapho ke sinikisa ngezixhobo zokufunda nezokumela izinto, siphakelane izimvo noongqondo-ngqondo abaphambili, sive neendaba ngemeko yokuhlala neendwendwe kwikhaya lakho neendlela zokuthatha amanyathelo.

Ukunceda ababuki zindwendwe bethu kubenza bazive bengabalapha

Ukuqondana kubalulekile ukuze kwakhiwe u-Airbnb owamkela wonke umntu nongakhethiyo. Eyethu Indawo Yoncedo ineempendulo zemibuzo yokwenene abanayo abantu ngepolisi yethu yokungacaluli.

Sifuna ukuva kuwe

Sikhuthazwa ludlamko esilubona Iziko Lentsapho yethu, apho ababuki zindwendwe bebaliselana amabali kwaye bephakelana ngezimvo, siyayithanda kakhulu loo nto kwaye isenza sifune ukwakha iwebhusayithi ebhetele. Balisa ngento ekwenzekeleyo nawe edibene nokunxibelelana kwabantu uqa uqalise ingxoxo.

Sikholelwa ekuxhaseni utshintsho ngentsebenziswano ngaphakathi nangaphandle ko-Airbnb
Inkqubela iba nelona futhe likhulu xa imibutho efanayo ngemilinganiselo isebenzisana ukuze incede abantu. Naba abambalwa esisebenzisana nabo ngaphandle esikhuthaza kunye nabo ukuthetha phandle, nokwenza amazwi abo bonke abantu aviwe ehlabathini jikelele nasekuhlaleni.
Indawo yethu yokusebenzela iyindawo ebalulekileyo kwintsapho yakwa-Airbnb
U-Airbnb ngokwenene uxhaswa ngabantu - ababuki zindwendwe neendwendwe ehlabathini jikelele nentsapho engaphakathi yabasebenzi namahlakani ezoshishino babumba indlela esisebenza nesikhula ngayo. Sikholelwa ukuba ukwamkela abantu bonke kubalulekile ukuze sakhe ihlabathi apho wonke umntu engaziva engowalapha, kwaye sithatha amanyathelo okuphelisa ucalucalulo nokwakha inkampani engakhethiyo. Sizibophelele ekungafihlini nto njengoko sisebenzela ekwenzeni u-Airbnb abe yindawo yokusebenza apho wonke umntu eziva amkelekile kwaye bonke abantu bemanyelwa xa bethetha.
Ukuqesha Nokuquka Abantu Kwa-Airbnb